Uisaya 44:26-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. uMmisi welizwi lomkhonzi wakhe; uMzalisi wecebo labathunywa bakhe; uNdithi kwiYerusalem, Iya kumiwa; nakwimizi yakwaYuda, Iya kwakhiwa, ndiwamise amanxuwa ayo;

27. uNdithi kumanzi enzonzobila, Yitshani, ndiyomise imilambo yakho;

28. uNdithi kuKoreshi, Ngumalusi wam, oya kukuzalisa konke ukuthanda kwam; athi kwiYerusalem, Mayakhiwe; nakwitempile, Mayisekwe.

Uisaya 44