Uisaya 43:22-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Akundinqulanga ke mna, Yakobi, ngokude uzixhamle ngam, Sirayeli.

23. Akundiziselanga mpahla imfutshane yamadini akho anyukayo; akundizukisanga ngamibingelelo yakho. Andikukhonzisanga ngaminikelo yakudla, andikudinisanga ngantlaka imhlophe.

24. Akundithengelanga kalamo* ngemali, akundihluthisanga ngamanqatha emibingelelo yakho; hayi, ùndikhonzise ngezono zakho, undidinisile ngobugwenxa bakho.

25. Mna ndinguye ocima izikreqo zakho ngenxa yam, ndingazikhumbuli izono zakho.

26. Ndíkhumbuze, masimangalelane; misa intetho yakho, ukuze ugwetyelwe.

27. Uyihlo wokuqala wóna, nabalamleli bakho bakreqa kum.

28. Ngako oko ndabangcolisa ke abathetheli abangcwele, ndamnikela uYakobi ukuba asingelwe phantsi, uSirayeli ukuba anyeliswe.

Uisaya 43