Uisaya 34:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Sondelani, zintlanga, nive; nibaze iindlebe, zizwe; malive ihlabathi nenzaliseko yalo; elimiweyo, neziveliso zonke eziveliswa lilo.

2. Ngokuba uburhalarhume bukaYehova buphezu kweentlanga zonke, nobushushu bakhe buphezu komkhosi wazo wonke; uzisingele phantsi, uzinikele ekusikweni.

3. Baya kulahlwa ababuleweyo bazo, nezidumbu zabo kunyuke ukunuka kwazo, kunyibilike iintaba ligazi lazo.

4. Uya kuvunda wonke umkhosi wezulu, lisongwe izulu njengencwadi, wonke umkhosi walo ubune njengokubuna kwegqabi emdiliyeni, njengokubuna kwegqabi emkhiwaneni.

5. Ngokuba liselĂ© lahlĂștha ezulwini ikrele lam; yabona, lihla phezu koEdom, naphezu kwabantu endibasingele phantsi, ibe ngumgwebo.

6. Ikrele likaYehova lizele ligazi, lityetyiswe ngamanqatha, ligazi leemvana neleebhokhwe, ngamanqatha ezintso zeenkunzi zeegusha; ngokuba uYehova unombingelelo eBhotsera, nokuxhela okukhulu ezweni lakwaEdom.

7. Kuya kuhla inqu kunye nazo, iinkunzi ezintsha kunye neenkabi, lisele lihluthe ilizwe labo ligazi, lutyetyiswe uthuli lwabo ngamanqatha.

8. Kuba uYehova unomhla wempindezelo, unomnyaka wembuyekezo, wokuthethelela iZiyon.

13-14. Iingxande zalo ezinde ziya kumila into enameva, amarhawu namakhakakhaka ezinqabeni zalo ezinkulu, libe sisikhundla seempungutye nedlelo leenciniba. Kohlangabezana amarhamncwa omqwebedu neempungutye, into elixhonti ikhawulelane nowayo; ewe, into yasebusuku iya konwaba khona, izifumanele ukuphumla.

Uisaya 34