12. Ngako oko utsho oyiNgcwele kaSirayeli ukuthi, Ngokokuba nilicekisile elo lizwi, nakholosa ngokucudisa nangobugwenxa, nayama khona:
13. ngako oko, obo bugwenxa kuni buya kuba njengendawo ekrazukileyo, ewayo, ezimkayo eludongeni olude, ekuqhekeka kwayo kuza ngesiquphe nangephanyazo;
14. úya kuyiqhekeza njengokuqhekeka komphanda wombumbi, wakuqotywa ungayekwa, kungafumaneki ekuqotyweni kwawo negophe lokuthabatha umlilo eziko, nelokukha amanzi equleni.
15. Ngokuba itsho iNkosi, uYehova oyiNgwcele kaSirayeli, ukuthi, Beniya kusindiswa kukubuya nakukuphumla; ebengabakhoyo amandla enu ngokuzola nangokukholosa; nasuka ànavuma.
16. Ke nathi, Hayi, sìya kubaleka ngamahashe; niya kubaleka kambe. Nathi, Siya kukhwela kwiimbaleki; ngenxa yoko baya kuba namendu abanisukelayo.
17. Niya kubaleka niliwaka, ekhalime emnye; bekhalime bebahlanu, nibaleke nide sinale njengomtshanyane encotsheni yentaba, nanjengebhanile* endulini.
18. Ngako oko uYehova uya kukha alinde, ukuze anibabale; ngako oko uya kukha akhwelele phezulu, ukuze abe nemfesane kuni; ngokuba nguThixo wogwebo uYehova; hayi, uyolo lwabo bonke abalindele kuye!
19. Ngokuba abantu aba baya kuhlala eZiyon, eYerusalem; aniyi kuba sabuya nilile; uya kunibabala ngenene ekuvakaleni kokukhala kwenu; ákukuva, uya kusabela.