1. Ngaloo mini uYehova uya kuyivelela ngekrele lakhe, elo lilukhuni, elo likhulu, elo lomeleleyo, ileviyatan* inyoka ebalekayo, neleviyatan inyoka ephinyaphinyelayo; ayibulale ingwenya eselwandle.
2. Ngaloo mini kuya kuthiwa, Isidiliya esinqwenelekayo, hlabelani ngaso.
3. Mna Yehova ndingumlondolozi waso; ndiya kusinyƩla ngamaxesha onke, ndiya kusilondoloza ubusuku nemini, hleze sivelelwe yinto.
4. Ubushushu abukho kum; akwaba bekukho ubobo namakhakakhaka phambi kwam! Bendiya kugaleleka kuwo ngokulwa, bendiya kuwatshisa kanye.
5. Okanye mababambelele egwibeni lam, baxolelane nam, ewe, baxolelane nam.