Uhoseya 12:1-3 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. UEfrayim wasukelana nomoya; usukela ulophu lwasempumalanga. Imini yonke wandisa amanga nembuqo; banqophisana neAsiriya, kusiwa ioli eYiputa.

2. UYehova ubambene noYuda, umvelela uYakobi ngokweendlela zakhe; uya kumbuyisela ngokweentlondi zakhe.

3. Esizalweni wambamba umkhuluwa wakhe ngesithende, ekuqineni kwakhe wazamana noThixo.

Uhoseya 12