Uhoseya 11:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Oko uSirayeli ebemncinane, ndamthanda, ndambiza unyana wam ukuba aphume eYiputa.

2. Bababiza, kwaba kukhona bemkayo ebusweni babo; babingelela kooBhahali,* baqhumisela kwimifanekiso eqingqiweyo.

3. Mna ke ndamfundisa uEfrayim ukuhamba, ndibaphatha ngeengalo zam; àbazanga noko, ukuba ndabaphilisa.

4. Ndabatsala ngezintya zomntu, ngeentsontelo zothando; kubo ndaba njengomnyinyisi wedyokhwe emihlathini yabo, ndathantamisa ukumnika ukudla.

5. Akayi kubuyela ezweni laseYiputa; nguAsiriya ukumkani wakhe; kuba abavumanga ukubuya.

6. Ikrele liya kuyijikeleza imizi yakhe, liyigqibele imivalo yakhe, liyidle, ngenxa yamacebo abo.

7. Abantu bam baphikele ukubuya umva kum; nakuba bebizelwa phezulu, àbaziphakamisi mpela.

8. Ndingàthini na ukukulahla, Efrayim? ndikuncame, Sirayeli? Ndingàthini na ukukulahla njengeAdama, ndikwenze ube njengeTsebhoyim? Intliziyo yam iphethukile phakathi kwam, ububele bam buvuthile kunye.

Uhoseya 11