Uhoseya 1:2-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Ukuqala kokuthetha kukaYehova noHoseya, wathi uYehova kuHoseya, Yiya uzeke umfazi wobuhenyu nabantwana bobuhenyu; ngokuba ilizwe lihenyuzé kakhulu, lemka kuYehova.

3. Waya ke, wazeka uGomere intombi kaDibhelayim; wakhawula, wamzalela unyana.

4. UYehova wathi kuye, Mthiye igama lokuba nguYizereli; ngokuba kusaya kuba ngumzuzwana, ndiwavelele amagazi akwaYizereli kwindlu kaYehu, ndibuphelise ubukumkani bendlu kaSirayeli.

5. Kuya kuthi ngaloo mini ndisaphule isaphetha sakwaSirayeli entilini yaseYizereli.

Uhoseya 1