7. Wathi ke kuwo, Yénzeni inqambi indlu le, nizizalise iintendelezo ngababuleweyo; phumani niye. Aphuma ke abulala kuwo umzi.
8. Kwathi, xa ababulalayo, ndiséle mna, ndawa ngobuso, ndakhala, ndathi, Awu! Nkosi Yehova, uya kuwatshabalalisa onke na amasalela amaSirayeli ngokubuthulula ubushushu bakho phezu kweYerusalem?
9. Wathi kum, Ubugwenxa bendlu kaSirayeli nobendlu kaYuda bukhulu kakhulu kunene, nelizwe lizele ligazi, nomzi uzele bubugqwetha; ngokuba besithi, UYehova ulilahlile ilizwe, uYehova àkaboni.
10. Ke nam aliyi kuba nanceba iliso lam, ndibaconge; ndiya kubanika ngokwendlela yabo entlokweni yabo.
11. Nantso indoda eyayambethe ilinen emhlophe, ebinezinto zokubhala ethangéni layo, ibuya nelizwi elithi, Ndenzé njengoko ubundiwisele umthetho ngako.