Uhezekile 8:8-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Wathi kum, Nyana womntu, khawugqobhoze eludongeni. Ndagqobhoza ke eludongeni, nanko kukho umnyango.

9. Wathi kum, Yiza, ubone amasikizi amabi abawenzayo apha.

10. Ndangena, ndabona: nanzo zonke izinto ezimilise okwesinambuzane nenkomo, izinto ezinezothe, nezigodo zonke zendlu kaSirayeli, zikroliwe eludongeni ngeenxa zonke.

11. Kumi phambi kwazo amadoda angamashumi asixhenxe kumadoda amakhulu endlu kaSirayeli, noYazaniya unyana kaShafan emi phakathi kwawo, iyileyo iphethe ngesandla isiqhumiselo, kunyuka ivumba lelifu lokuqhumisela.

12. Wathi kum, Nyana womntu, ukubonile na akwenzayo emnyameni amadoda amakhulu endlu kaSirayeli, iyileyo ezingontsini zayo ezinemifanekiso? ngokuba esithi, uYehova akasiboni, uYehova ulilahlile ilizwe.

13. Wathi kum, Usaya kubuya ubone amasikizi awenzayo amakhulu kunalá.

14. Wandisa ekungeneni kwesango lendlu kaYehova elingasentla; nanko kuhleli abafazi apho, belilela uTamuzi.*

15. Wathi kum, Ubonile na, nyana womntu? Usaya kubuya ubone amasikizi awenzayo amakhulu kunalá.

16. Wandísa entendelezweni ephakathi yendlu kaYehova: nanko, ekungeneni etempileni kaYehova, phakathi kwevaranda* nesibingelelo, kukho amadoda angathi angamashumi amabini anamahlanu, eyinikele umva itempile kaYehova, ubuso bawo bubheke empumalanga; aqubuda kwilanga, ebheke empumalanga.

17. Wathi kum, Ubonile na, nyana womntu? Kuncinane na kwindlu kaYuda ukuwenza la masikizi bawenzayo apha, ukuba ke balizalise ilizwe nangogonyamelo, babuye bandiqumbise? Nabo, besisa isebe lomdiliya emathatheni abo.

18. Nam ndiya kwenza ngobushushu; aliyi kuba nanceba iliso lam, ndibaconge; nokuba badanduluke ezindlebeni zam ngezwi elikhulu, andiyi kubeva.

Uhezekile 8