Uhezekile 48:14-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Ke abayi kuthengisa ngento yaso, bangananisi ngayo, bangayidluliseli kwabanye intlahlela yelo zwe; ngokuba ingcwele kuYehova.

15. Ke amawaka amahlanu aseleyo ebubanzini, kumawaka angamashumi amabini anamahlanu, àkangcwele; ngawomzi, ngawendawo yokuma neyephandle.

16. Umzi woba sesazulwini sawo. Yiyo le imilinganiso: icala langasentla loba ngamawaka amané anamakhulu amahlanu, icala langasezantsi libe ngamawaka amané anamakhulu amahlanu, icala lasempumalanga libe ngamawaka amané anamakhulu amahlanu, icala lasentshonalanga libe ngamawaka amané anamakhulu amahlanu.

17. Iphandle lomzi ngasentla loba ngamakhulu amabini anamashumi amahlanu, ngasezantsi libe ngamakhulu amabini anamashumi amahlanu, ngasempumalanga libe ngamakhulu amabini anamashumi amahlanu, ngasentshonalanga libe ngamakhulu amabini anamashumi amahlanu.

18. Okuseleyo ebudeni obunxulumene nomrhumo ongcwele, koba ngamawaka alishumi ngasempumalanga, kube ngamawaka alishumi ngasentshonalanga; onxulumana nomrhumo ongcwele; ungeniselo lwawo lube kukudla kwabasebenzi bawo umzi.

19. Abasebenzi abo ke bomzi bowalima, bengabasezizweni zonke zakwaSirayeli.

20. Umrhumo wonke woba ngamashumi amabini anamahlanu amawaka ubude, ube ngamashumi amabini anamahlanu amawaka ububanzi; isahlulo sesiné somrhumo ongcwele nòsirhumela ukuba sibe sesomzi lowo.

21. Indawo eseleyo yoba yeyesikhulu, ngapha nangapha komrhumo ongcwele, nakwinzuzo yomzi; ngaphambi kwamawaka angamashumi amabini anamahlanu omrhumo, ide iye emdeni wasempumalanga, nangasentshonalanga phambi kwamawaka angamashumi amabini anamahlanu, ngasemdeni wentshonalanga, inxulumene nezinye izahlulo, yoba yeyesikhulu; umrhumo ongcwele nengcwele yayo indlu yoba sesazulwini sayo.

22. Kuthabathela ke enzuzweni yabaLevi, kuthabathela enzuzweni yomzi, esazulwini senzuzo yesikhulu, phakathi komda kaYuda nomda kaBhenjamin, koba kokwesikhulu.

23. Eziseleyo ke izizwe: kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uBhenjamin woba necandelo elinye.

24. Ngasemdeni ke kaBhenjamin, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uSimon, libe linye.

25. Ngasemdeni ke kaSimon, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uIsakare, libe linye.

Uhezekile 48