Uhezekile 47:10-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Kothi ke kumè ababambisi beentlanzi phezu kwawo, bathabathele e-En-gedi, bade baye e-En-heglayim, indawo yokwaneka iminatha; ziya kuba ngokohlobo lwazo iintlanzi zabo, njengeentlanzi zolwandle olukhulu, ukuba zìninzi kunene.

11. Ke imigxobhozo yalo, namadike alo, akayi kuphila; aya kunikelwa ekubeni mtyuba.

12. Kophuma phezu komlambo, phezu kodini lwawo, ngapha nangapha, imithi yonke edliwayo. Amagqabi ayo akayi kubuna, zingapheli iziqhamo zayo; iya kuvuthwa iziqhamo ezitsha ngeenyanga zonke; ngokuba amanzi awo wona aphuma engcweleni. Iziqhamo zayo ziya kuba zezokudliwa, namagqabi ayo abe ngawokuphilisa.

13. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Nguwo lo umda, eniya kuzabela ngawo ilizwe, ngokwezizwe ezilishumi elinazibini zikaSirayeli; uYosefu woba namacandelo amabini.

14. Ilizwe niya kulidla ilifa, elowo alidle njengowabo; ngokuba ndaphakamisa isandla sam sokuba ndilinike oyihlo; lowela kuni eli lizwe ngokwelifa.

15. Nguwo lo umda welizwe elo: ngecala langasentla wóthabathela kulwandle olukhulu ngendlela yaseHetelon, ukuba uye eTsedada;

16. eHamati, naseBherota, naseSibrayim, ephakathi komda waseDamasko nomda waseHamati, naseHatsere ephakathi, esemdeni waseHawuran.

17. Umda uthabathela elwandle, ume ngeHatsare-enon, umda waseDamasko; owasentla ngasentla umda waseHamati.

18. Licala lasentla ke elo. Icala langasempumalanga, phakathi kweHawuran neDamasko neGiliyadi nelizwe lakwaSirayeli, yiYordan; nothabathela emdeni lowa, nise phezu kolwandle lwangasempumalanga ukulinganisa. Licala lasempumalanga ke elo.

19. Icala lasezantsi ngasezantsi lothabathela kwaTamare, lise emanzini embambano aseKadeshe, lihambe ngomlambo, lise kulo ulwandle olukhulu. Licala lasezantsi ngasezantsi ke elo.

20. Icala lasentshonalanga lulwandle olukhulu, luthabathela emdeni lowo, lude lulunge nokuya eHamati. Licala lasentshonalanga ke elo.

Uhezekile 47