Uhezekile 44:4-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Wandisa ngendlela yesango langasentla, ebeyiphambi kwayo indlu; ndakhangela, nabo ubuqaqawuli bukaYehova buyizalisile indlu kaYehova; ndawa ngobuso.

5. Wathi kum uYehova, Nyana womntu, gqala ngentliziyo yakho, ubone ngamehlo akho, uve ngeendlebe zakho, konke endisukuba ndikuthetha kuwe, ngokusingisele kwimimiselo yonke yendlu kaYehova, nangokusingisele kwimiyalelo yayo yonke; ukúgqale ngentliziyo yakho ukungena endlwini le, ezindaweni zonke zengcwele ekuphunywa ngazo.

6. Uze uthi kwabaneenkani, kwabendlu kaSirayeli, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yanelani, ndlu kaSirayeli, ngamasikizi enu onke,

7. okubangenisa kwenu oonyana bolunye uhlanga, abangalukileyo ngentliziyo, abangalukileyo ngenyama, ukuba babe sengcweleni yam, ukuba bayihlambele indlu yam le, nakùsondeza ukudla kwam, amanqatha negazi. Umnqophiso wam nawaphula ke phezu kwamasikizi enu onke;

8. ànasigcina isigxina sengcwele yam; nabamisa abayá ukuba banigcinele isigxina sam engcweleni yam.

9. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Bonke oonyana bolunye uhlanga, abangalukileyo ngentliziyo, abangalukileyo ngenyama, abayi kungena engcweleni yam, bakubo bonke oonyana bolunye uhlanga, abaphakathi koonyana bakaSirayeli.

10. Ke kwanabaLevi, abakhweleláyo kude kum, ekundwendweni kwamaSirayeli awandwendwáyo kum, alandela izigodo zawo, aya kubuthwala ubugwenxa bawo.

11. Baya kwanela ukuba ngabalungiseleli engcweleni yam, bengabaveleli bamasango endlu le, belungiselela endlwini le. Abo baya kuxhelela abantu idini elinyukayo nombingelelo, bona beme phambi kwabo, ukuba babalungiselele.

12. Ngenxa enokuba babalungiseleláyo phambi kwezigodo zabo, baba sisikhubekiso sobugwenxa kwindlu kaSirayeli, ngenxa yoko ndibaphakamisele isandla sam, itsho iNkosi uYehova, ukuba babuthwale ubugwenxa babo.

13. Abayi kufika kum, ukuba benzelelele kum, bangafiki kwiingcwele zam zonke, kwingcwele kangcwele yam; baya kuthwala ke ihlazo labo namasikizi abo abawenzileyo.

Uhezekile 44