Uhezekile 43:15-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Intaba kaThixo yoba ziikubhite eziné; zothabathela ezikweni likaThixo, zinyuse iimpondo eziné.

16. Iziko likaThixo loba ziikubhite ezilishumi elinambini ubude balo, ishumi elinambini ububanzi balo; loba mbombo né ngokwamacala alo omané.

17. Amacala oba ziikubhite ezilishumi elinané ubude bawo, neshumi elinané ububanzi, ngokwamacala awo omané; nolungqu ngeenxa zonke kuwo lube sisiqingatha sekubhite; umzantsi wawo ube yikubhite enye ngeenxa zonke; nezinyuko zawo mazikhangele empumalanga.

18. Wathi kum, Nyana womntu, itsho iNkosi uYehova, ukuthi, Yiyo le imimiselo yesibingelelo ngemini yokwenziwa kwaso, ukuba kunyuswe phezu kwaso amadini anyukayo, kutshizwe ngegazi kuso.

19. Ùya kubanika ababingeleli, abaLevi abangabembewu kaTsadoki, abasondelayo kum, itsho iNkosi uYehova, ukuba balungiselele kum inkunzi entsha, ithole lenkomo, libe lidini lesono.

20. Wòthabatha egazini layo, uliqabe ezimpondweni zaso zoné, nasezimbombeni zoné zamacala, naseludinini ngeenxa zonke; usenze nyulu, usicamagushele;

21. uyithabathe inkunzi entsha yedini lesono, bayitshise endaweni emisiweyo yayo indlu, ngaphandle kwengcwele.

22. Ngomhla wesibini wòsondeza inkunzi yebhokhwe exhonti egqibeleleyo, ibe lidini lesono; basenze nyulu isibingelelo, njengoko senziwa nyulu ngenkunzi entsha.

23. Ekugqibeni kwakho ukusenza nyulu, wòsondeza inkunzi entsha, ithole lenkomo eligqibeleleyo, nenkunzi egqibeleleyo yasempahleni emfutshane.

24. Wòzisondeza phambi koYehova, ababingeleli bagalele ityuwa phezu kwazo, bazinyuse zibe lidini elinyukayo kuYehova.

25. Iintsuku ezisixhenxe ùya kunikela inkunzi yebhokhwe exhonti eyedini lesono ngemini; balungiselele nenkunzi entsha elithole lenkomo, nenkunzi yasemphaleni emfutshane egqibeleleyo.

26. Iintsuku ezisixhenxe bosicamagushela isibingelelo, basihlambulule; basimisele.

27. Baya kuzigqiba ezo ntsuku, kuthi ngomhla wesibhozo, nanini, ababingeleli benze amadini enu anyukayo nemibingelelo yenu yoxolo esibingelelweni, ndize ndinamkele; itsho iNkosi uYehova.

Uhezekile 43