Wathi kum, Nyana womntu, itsho iNkosi uYehova, ukuthi, Yiyo le imimiselo yesibingelelo ngemini yokwenziwa kwaso, ukuba kunyuswe phezu kwaso amadini anyukayo, kutshizwe ngegazi kuso.