Uhezekile 43:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wandisa esangweni, esangweni elibheke endleleni yangasempumalanga.

2. Nabo ke ubuqaqawuli boThixo kaSirayeli, buvela ngendlela yangasempumalanga, isandi sabo sinjengesandi samanzi amaninzi; ihlabathi lakhanya bubuqaqawuli bakhe.

3. Imbonakalo ke endayibonayo, ukubonakala kwayo, yayinjengembonakalo leya, ndayibonayo ukuya kuwonakalisa kwam umzi; kwakukho neembonakalo ezinjengeembonakalo endazibonayo emlanjeni oyiKebhare; ndawa ke ngobuso.

4. Ubuqaqawuli bukaYehova beza endlwini ngendlela yesango elibheke empumalanga.

5. UMoya wandifukula, wandĂ­sa entendelezweni ephakathi; nabo ke ubuqaqawuli bukaYehova, buyizalisile indlu le.

6. Ndeva othetha kum esendlwini le; kwabakho ke umntu omi ecaleni kwam.

7. Wathi kum, Nyana womntu, khangela indawo yetrone yam, indawo yomphantsi weenyawo zam, apho ndiya kuhlala khona phakathi koonyana bakaSirayeli ngonaphakade; ingabi salenza inqambi igama lam elingcwele indlu kaSirayeli, bona nookumkani babo, ngobuhenyu babo, nangezidumbu zookumkani babo ezigángeni zabo;

Uhezekile 43