1. Wandisa esangweni, esangweni elibheke endleleni yangasempumalanga.
2. Nabo ke ubuqaqawuli boThixo kaSirayeli, buvela ngendlela yangasempumalanga, isandi sabo sinjengesandi samanzi amaninzi; ihlabathi lakhanya bubuqaqawuli bakhe.
3. Imbonakalo ke endayibonayo, ukubonakala kwayo, yayinjengembonakalo leya, ndayibonayo ukuya kuwonakalisa kwam umzi; kwakukho neembonakalo ezinjengeembonakalo endazibonayo emlanjeni oyiKebhare; ndawa ke ngobuso.
4. Ubuqaqawuli bukaYehova beza endlwini ngendlela yesango elibheke empumalanga.
5. UMoya wandifukula, wandÃsa entendelezweni ephakathi; nabo ke ubuqaqawuli bukaYehova, buyizalisile indlu le.
6. Ndeva othetha kum esendlwini le; kwabakho ke umntu omi ecaleni kwam.