Uhezekile 43:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wandisa esangweni, esangweni elibheke endleleni yangasempumalanga.

2. Nabo ke ubuqaqawuli boThixo kaSirayeli, buvela ngendlela yangasempumalanga, isandi sabo sinjengesandi samanzi amaninzi; ihlabathi lakhanya bubuqaqawuli bakhe.

3. Imbonakalo ke endayibonayo, ukubonakala kwayo, yayinjengembonakalo leya, ndayibonayo ukuya kuwonakalisa kwam umzi; kwakukho neembonakalo ezinjengeembonakalo endazibonayo emlanjeni oyiKebhare; ndawa ke ngobuso.

4. Ubuqaqawuli bukaYehova beza endlwini ngendlela yesango elibheke empumalanga.

5. UMoya wandifukula, wandísa entendelezweni ephakathi; nabo ke ubuqaqawuli bukaYehova, buyizalisile indlu le.

6. Ndeva othetha kum esendlwini le; kwabakho ke umntu omi ecaleni kwam.

Uhezekile 43