Uhezekile 42:15-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Wathi ke akugqiba ukuyilinganisa indlu ephakathi, waphuma nam, wasingisa ngendlela yesango elibheké empumalanga, walinganisa khona, wajikeleza ngeenxa zonke.

16. Walinganisa icala lasempumalanga ngengcongolo yokulinganisa;* yaziingcongolo ezimakhulu mahlanu ngengcongolo yokulinganisa, ngeenxa zonke.

17. Walinganisa icala langasentla; yaziingcongolo ezimakhulu mahlanu ngengcongolo yokulinganisa, ngeenxa zonke.

18. Kwicala langasezantsi walinganisa amakhulu amahlanu eengcongolo, ngencongolo yokulinganisa.

19. Wajikela ecaleni langasentshonalanga, walinganisa amakhulu amahlanu eengcongolo, ngengcongolo yokulinganisa.

Uhezekile 42