32. Wandísa entendelezweni ephakathi, esingise empumalanga, walilinganisa isango kwangokwaloo milinganiso;
33. namagumbi alo okulinda, neentsika zalo, neengqameko zalo, kwangokwaloo milinganiso. Bekukho iifestile kulo, nakwiingqameko zalo, zijikelezile ngeenxa zonke; aba ziikubhite ezimashumi mahlanu ubude, zaba ziikubhite ezimashumi mabini anantlanu ububanzi.
34. Iingqameko zalo zabheka entendelezweni ephandle; zibe zinamasundu iintsika ngapha nangapha. Ukunyuka ukuya kulo kwaba nezinyuko ezisibhozo.
35. Wandísa esangweni lasentla, walilinganisa kwangokwaloo milinganiso;
36. namagumbi alo okulinda, neentsika zalo, neengqameko zalo. Bekukho iifestile kulo, zijikelezile ngeenxa zonke; zaba ziikubhite ezimashumi mahlanu ubude, zaba ziikubhite ezimashumi mabini anantlanu ububanzi.
37. Iintsika zalo zakhangela entendelezweni ephandle; zinamasundu iintsika zalo ngapha nangapha. Ukunyuka ukuya kulo kwaba nezinyuko ezisibhozo.
38. Igumbi nomnyango walo lalingasezintsikeni zamasango; bebewahlamba khona amadini anyukayo.
39. Evarandeni yesango bekukho iitafile ezimbini ngapha, iitafile ezimbini nangapha, zokuxhelela amadini anyukayo, nawesono, nawetyala.
40. Ecaleni elingaphandle, konyukayo esiya ekungeneni kwesango ngasentla, bekukho iitafile ezimbini; nakwelinye icala ngasevarandeni yesango bekukho iitafile ezimbini.
41. Kwabakho iitafile eziné ngapha, iitafile eziné nangapha, ecaleni lesango; ziitafile ezisibhozo, zokuxhelela kuzo.
42. Kananjalo bekukho neetafile eziné ngasezinyukweni zamatye aqingqiweyo, aba yikubhite enye enesiqingatha ubude, ikubhite enye enesiqingatha ububanzi, ikubhite enye ukuphakama, ukuze babeke kuzo iimpahla zokuxhela amadini anyukayo nemibingelelo.
43. Amabhaxa angangobubanzi besandla, abe eqiniselwe endlwini, ajikeleza ngeenxa zonke; yaye isezitafileni inyama yomsondezo.
44. Ngaphandle kwesango eliphakathi bekukho amagumbi amabini entendelezweni ephakathi; elinye lingasecaleni lesango lasentla, libheké ezantsi, elinye lingasecaleni lesango lasezantsi, libheké entla.