Kananjalo bekukho neetafile eziné ngasezinyukweni zamatye aqingqiweyo, aba yikubhite enye enesiqingatha ubude, ikubhite enye enesiqingatha ububanzi, ikubhite enye ukuphakama, ukuze babeke kuzo iimpahla zokuxhela amadini anyukayo nemibingelelo.