31. Iingqameko zalo zabheka entendelezweni ephandle; zibe zinamasundu iintsika zalo. Ukunyuka ukuya kulo kwaba nezinyuko ezisibhozo.
32. WandÃsa entendelezweni ephakathi, esingise empumalanga, walilinganisa isango kwangokwaloo milinganiso;
33. namagumbi alo okulinda, neentsika zalo, neengqameko zalo, kwangokwaloo milinganiso. Bekukho iifestile kulo, nakwiingqameko zalo, zijikelezile ngeenxa zonke; aba ziikubhite ezimashumi mahlanu ubude, zaba ziikubhite ezimashumi mabini anantlanu ububanzi.