Uhezekile 40:31-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

31. Iingqameko zalo zabheka entendelezweni ephandle; zibe zinamasundu iintsika zalo. Ukunyuka ukuya kulo kwaba nezinyuko ezisibhozo.

32. Wandísa entendelezweni ephakathi, esingise empumalanga, walilinganisa isango kwangokwaloo milinganiso;

33. namagumbi alo okulinda, neentsika zalo, neengqameko zalo, kwangokwaloo milinganiso. Bekukho iifestile kulo, nakwiingqameko zalo, zijikelezile ngeenxa zonke; aba ziikubhite ezimashumi mahlanu ubude, zaba ziikubhite ezimashumi mabini anantlanu ububanzi.

Uhezekile 40