Uhezekile 40:28-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. Wandisa entendelezweni ephakathi ngesango lasezantsi, walilinganisa isango lasezantsi kwangokwaloo milinganiso;

29. namagumbi alo okulinda, neentsika zalo, neengqameko zalo, kwangokwaloo milinganiso. Bekukho iifestile kulo nakwiingqameko zalo, zijikelezile ngeenxa zonke; zaba ziikubhite ezimashumi mahlanu ubude, zaba ziikubhite ezimashumi mabini anantlanu ububanzi.

30. Iingqameko zajikeleza ngeenxa zonke: zaba ziikubhite ezimashumi mabini anantlanu ubude, zaba ziikubhite ezintlanu ububanzi.

31. Iingqameko zalo zabheka entendelezweni ephandle; zibe zinamasundu iintsika zalo. Ukunyuka ukuya kulo kwaba nezinyuko ezisibhozo.

32. Wandísa entendelezweni ephakathi, esingise empumalanga, walilinganisa isango kwangokwaloo milinganiso;

Uhezekile 40