Uhezekile 40:27-37 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

27. Bekukho isango elisa entendelezweni ephakathi, elisingise ezantsi; walinganisa ethabathela esangweni elo, esa esangweni elisingise ezantsi; zaba ziikubhite ezilikhulu.

28. Wandisa entendelezweni ephakathi ngesango lasezantsi, walilinganisa isango lasezantsi kwangokwaloo milinganiso;

29. namagumbi alo okulinda, neentsika zalo, neengqameko zalo, kwangokwaloo milinganiso. Bekukho iifestile kulo nakwiingqameko zalo, zijikelezile ngeenxa zonke; zaba ziikubhite ezimashumi mahlanu ubude, zaba ziikubhite ezimashumi mabini anantlanu ububanzi.

30. Iingqameko zajikeleza ngeenxa zonke: zaba ziikubhite ezimashumi mabini anantlanu ubude, zaba ziikubhite ezintlanu ububanzi.

31. Iingqameko zalo zabheka entendelezweni ephandle; zibe zinamasundu iintsika zalo. Ukunyuka ukuya kulo kwaba nezinyuko ezisibhozo.

32. Wandísa entendelezweni ephakathi, esingise empumalanga, walilinganisa isango kwangokwaloo milinganiso;

33. namagumbi alo okulinda, neentsika zalo, neengqameko zalo, kwangokwaloo milinganiso. Bekukho iifestile kulo, nakwiingqameko zalo, zijikelezile ngeenxa zonke; aba ziikubhite ezimashumi mahlanu ubude, zaba ziikubhite ezimashumi mabini anantlanu ububanzi.

34. Iingqameko zalo zabheka entendelezweni ephandle; zibe zinamasundu iintsika ngapha nangapha. Ukunyuka ukuya kulo kwaba nezinyuko ezisibhozo.

35. Wandísa esangweni lasentla, walilinganisa kwangokwaloo milinganiso;

36. namagumbi alo okulinda, neentsika zalo, neengqameko zalo. Bekukho iifestile kulo, zijikelezile ngeenxa zonke; zaba ziikubhite ezimashumi mahlanu ubude, zaba ziikubhite ezimashumi mabini anantlanu ububanzi.

37. Iintsika zalo zakhangela entendelezweni ephandle; zinamasundu iintsika zalo ngapha nangapha. Ukunyuka ukuya kulo kwaba nezinyuko ezisibhozo.

Uhezekile 40