Uhezekile 40:20-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Isango elibheké entla ngasentendelezweni ephandle, wabulinganisa ubude balo nobubanzi balo;

21. namagumbi okulinda amathathu ngapha, amathathu nangapha, neentsika zalo, neengqameko zalo. Laba ngangomlinganiso wesango lokuqala; baziikubhite ezimashumi mahlanu ubude balo, nobubanzi balo baziikubhite ezimashumi mabini anantlanu.

22. Iifestile zalo, neengqameko zalo, namasundu alo, zaba ngangomlinganiso wesango elibheke empumalanga; benyuka ngezinyuko ezisixhenxe ukuya kulo; neengqameko zalo zaba phambi kwazo.

Uhezekile 40