Uhezekile 40:19-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Walinganisa ububanzi, ethabathela phambi kwesango lentendelezo ephantsi, esa phambi kwelentendelezo ephakathi nganeno kwalo; zalikhulu leekubhite ngasempumalanga nangasentla.

20. Isango elibheké entla ngasentendelezweni ephandle, wabulinganisa ubude balo nobubanzi balo;

21. namagumbi okulinda amathathu ngapha, amathathu nangapha, neentsika zalo, neengqameko zalo. Laba ngangomlinganiso wesango lokuqala; baziikubhite ezimashumi mahlanu ubude balo, nobubanzi balo baziikubhite ezimashumi mabini anantlanu.

22. Iifestile zalo, neengqameko zalo, namasundu alo, zaba ngangomlinganiso wesango elibheke empumalanga; benyuka ngezinyuko ezisixhenxe ukuya kulo; neengqameko zalo zaba phambi kwazo.

23. Amasango entendelezo ephakathi alunga nesango langasentla nelangasempumalanga; walinganisa, wathabathela esangweni, wesa esangweni; zalikhulu leekubhite.

24. Wandihambisa wandisingisa ezantsi; nali isango, lisingise ezantsi; walinganisa iintsika zalo neengqameko zalo kwangokwaloo milinganiso.

25. Bekukho iifestile kulo nakwiingqameko zalo, zijikelezile ngeenxa zonke, njengeziyá iifestile; zaba ziikubhite ezimashumi mahlanu ubude, baziikubhite ezimashumi mabini anantlanu ububanzi.

Uhezekile 40