16. Bekukho iifestile ezivaliweyo emagumbini okulinda nasezintsikeni zawo ngecala eliphakathi esangweni, zijikelezile ngeenxa zonke; bekukwanjalo nasezingqamekweni. Bekukho iifestile ngaphakathi, zijikelezile ngeenxa zonke; bekukho namasundu ezintsikeni.
17. Wandisa entendelezweni ephandle; nanko, kwenziwe amagumbi nombekelelo wamatye, kwajikeleza ngeenxa zonke entendelezweni; yayingamagumbi angamashumi mathathu embekelelweni wamatye.
18. Umbekelelo wamatye ubusemacaleni amasango, ulungelelene nobude bamasango; umbekelelo lowo uphantsi.
19. Walinganisa ububanzi, ethabathela phambi kwesango lentendelezo ephantsi, esa phambi kwelentendelezo ephakathi nganeno kwalo; zalikhulu leekubhite ngasempumalanga nangasentla.
20. Isango elibheké entla ngasentendelezweni ephandle, wabulinganisa ubude balo nobubanzi balo;
21. namagumbi okulinda amathathu ngapha, amathathu nangapha, neentsika zalo, neengqameko zalo. Laba ngangomlinganiso wesango lokuqala; baziikubhite ezimashumi mahlanu ubude balo, nobubanzi balo baziikubhite ezimashumi mabini anantlanu.