Uhezekile 39:7-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Ndiya kulazisa igama lam elingcwele phakathi kwabantu bam amaSirayeli, ndingabuyi ndilingcolise igama lam elingcwele; zazi iintlanga ukuba ndinguYehova, oyiNgcwele kwaSirayeli.

8. Yabona, le nto iyeza, iya kubakho; itsho iNkosi uYehova; yiloo mini ndandithetha yona.

9. Ke baya kuphuma abemi bemizi yakwaSirayeli, baphembe babáse umlilo ngezikrweqe, nangeengweletshetshe, nangamakhaka, ngezaphetha, nangeentolo, nangeenduku, nangezikhali; baphembe umlilo ngazo iminyaka esixhenxe.

10. Abayi kutheza zinkuni endle, bangagawuli nasemahlathini; ngokuba baya kuwuphemba ngezikrweqe umlilo; bathìmbe kwabo babethinjwe ngabo, baphange ababephangwe ngabo; itsho iNkosi uYehova.

11. Kuya kuthi ngaloo mini, ndimnike uGogi indawo, apho liya kuba khona ingcwaba lakhe kwaSirayeli, umfula wabadluli ngasempumalanga elwandle; ùbavalele abadluli; bamngcwabele khona uGogi nengxokolo yakhe yonke, bathi ngumfula wengxokolo kaGogi.

12. Indlu kaSirayeli yoba neenyanga ezisixhenxe ibangcwaba, ukuze balihlambulule ilizwe;

13. bonke abantu belizwe eli bangcwabe, kube ludumo kubo mini ndizizukisayo; itsho iNkosi uYehova.

14. Baya kubalula amadoda anomonde acandacanda elizweni, nahamba nalawo acandacandayo, angcwabe abaseleyo ebusweni belizwe, ukuba alihlambulule. Ekupheleni kweenyanga ezisixhenxe aya kuligocagoca.

15. Baya kucanda abacandacanda elizweni, babone ithambo lomntu, bamise umthelekelelo ecaleni kwalo, bade abangcwabi abo balingcwabe emfuleni wengxokolo kaGogi.

16. Igama lomzi okhona liya kuba nguNgxokolo; balihlambùlule ke ilizwe.

Uhezekile 39