2. Nyana womntu, bubhekise ubuso bakho kuGogi wasezweni lakwaMagogi, isikhulu sakwaRoshe noMesheki noTubhali, uprofete ngaye.
3. Yithi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndikuchasile, Gogi, sikhulu sakwaRoshe noMesheki noTubhali.
4. Ndiya kukuphambanisa, ndikufake amakhonkco emihlathini, ndikurhole nempi yakho yonke, amahashe nabamahashe, abaxhobe baphelelisela bonke bephela, ibandla elikhulu, benamakhaka neengweletshetshe, bephethe amakrele bonke bephela:
5. benamaPersi namaKushi namaPuti, onke ephela eneengweletshetshe nezigcina-ntloko; uGomere namahlelo akhe onke,
6. nendlu kaTogarma ezingontsini zasentla, inamahlelo akhe onke; izizwe ezininzi zinawe.
7. Lunga, uzilungisele iinto zonke, wena nebandla lakho lonke, elibizelwe ndawonye kuwe, ube ngumgcini walo.
8. Emva kwemihla emininzi ùya kuvelelwa; ekupheleni kweminyaka leyo uya kufika elizweni elibuyisiweyo ekreleni, libuthiwe ezizweni ezininzi; ufike ezintabeni zakwaSirayeli ezahlala zibharhile. Lona likhutshwé ezizweni, baza bahlala bekholosile bonke bephela.
9. Ùya kunyuka uze njengesiphango, njengelifu ukulisibekela ilizwe, wena namahlelo akho onke, nezizwe ezininzi ezinawe.
10. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngaloo mini, kuya kuthi qatha izinto entliziyweni yakho, ucinge ingcinga embi.
11. Uya kuthi, Ndiya kunyuka ndiye ezweni lamaphandle; ndiya kubafikela abazolileyo, abahleli bekholosile bonke bephela, abahleli bengenazindonga, bengenamivalo nazingcango;
12. ukuba uthimbe, uhlasele amaxhoba, usibuyisele isandla sakho kumanxuwa amiweyo, nakubantu abahlanganisiweyo ezintlangeni, bezuze imfuyo nempahla, abahleli esazulwini somhlaba.
13. OoShebha noDedan, nabarhwebi baseTarshishe, neengonyama ezintsha zabo zonke, baya kuthi kuwe, Uzé kuthimba na, ukuba lihlasele amaxhoba na ibandla lakho olibizele ndawonye? ukuba limke negolide nesilivere, lithabathe imfuyo nempahla, lithimbe kakhulu na?
14. Ngako oko profeta, nyana womntu, uthi kuGogi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Akuyi kuba njalo na ngaloo mini, ekuhlaleni kwabantu bam amaSirayeli bekholosile, ùya kuyazi loo nto?
15. Uya kuphuma endaweni yakho, ezingontsini zasentla, wena nezizwe ezininzi ezinawe, bekhwele emahasheni bonke bephela, ibandla elikhulu, impi eninzi;
16. unyùke ubafikele bantu bam amaSirayeli njengelifu, ukuba ulisibekele ilizwe. Ekupheleni kwemihla kuya kubakho oko, ndikuse, ulifikele ilizwe lam, ukuze iintlanga zindazi, ekuzingcwaliseni kwam kuwe emehlweni azo, Gogi.