22. Ndobenza babe luhlanga lunye elizweni elo, ezintabeni zakwaSirayeli, abe mnye ukumkani, engukumkani wabo bonke bephela; bangabuyi babe ziintlanga ezimbini, bangabuyi bahluke babe zizikumkani ezibini.
23. Abayi kubuya bazenze iinqambi ngezigodo zabo, nangezinto zabo ezinezothe, nangezikreqo zabo zonke; ke ndobasindisa emakhayeni abo onke, ababesona kuwo, ndibahlambulule, babe ngabantu bam, ndibe nguThixo wabo.
24. Umkhonzi wam uDavide woba ngukumkani kubo, abe ngumalusi omnye kubo bonke bephela; bahambe ngamasiko am, bagcine imimiselo yam, bayenze.
25. Bohlala ezweni elo, ndalinika umkhonzi wam uYakobi, ababehleli kulo ooyise; bahlale ke khona, bona nabantwana babantwana babo kude kuse ephakadeni; uDavide, umkhonzi wam, abe sisikhulu sabo ngonaphakade.
26. Ndobenzela umnqophiso woxolo; uya kuba ngumnqophiso ongunaphakade kubo; ndibamise, ndibandise, ndibeke ingcwele yam phakathi kwabo ngonaphakade.
27. Umnquba wam uya kuba phezu kwabo, ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam;
28. zazi iintlanga ukuba ndinguYehova ongcwalise amaSirayeli, xa ingcwele yam iya kubakho phakathi kwabo ngonaphakade.