Uhezekile 37:12-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Ngako oko profeta, uthi kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, ndiya kuwavula amangcwaba enu, ndininyuse niphume emangcwabeni enu, bantu bam, ndinise emhlabeni wakwaSirayeli.

13. Niya kwazi ukuba ndinguYehova, ekuwavuleni kwam amangcwaba enu, nasekuninyuseni kwam, niphume emangcwabeni enu, bantu bam.

14. Ndofaka uMoya wam kuni, niphile, ndinibeke emhlabeni wenu; nazi ukuba mna Yehova ndithethile, ndiya kwenza; utsho uYehova.

15. Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

16. Wena ke, nyana womntu, thabathela kuwe intonga ibe nye, ubhale kuyo uthi, EkaYuda, neyoonyana bakaSirayeli, amadlelane akhe; uthabathe enye intonga ubhale kuyo uthi, EkaYosefu (intonga kaEfrayim), nendlu yonke kaSirayeli, amadlelane akhe;

17. uzisondeze ke, enye kwenye, zibe ntonga-nye, zibe nto-nye esandleni sakho.

18. Bothi bakuthetha nawe oonyana babantu bakowenu, besithi, Akasixeleli na, ziyintoni na ezi ntonga kuwe?

19. uthi wena kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, ndiya kuyithabatha intonga kaYosefu, esesandleni sikaEfrayim nezizwe zikaSirayeli, amadlelane akhe endiwabeke kuyo ndawonye nentonga kaYuda, ndibenze babe ntonga-nye, babe nto-nye esandleni sam.

20. Iintonga obhale kuzo zize zibe sesandleni sakho emehlweni abo.

21. Uze uthi kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, ndiya kubathabatha oonyana bakaSirayeli phakathi kweentlanga abahamba kuzo, ndibabuthe, bavele ngeenxa zonke, ndibàse emhlabeni wabo.

22. Ndobenza babe luhlanga lunye elizweni elo, ezintabeni zakwaSirayeli, abe mnye ukumkani, engukumkani wabo bonke bephela; bangabuyi babe ziintlanga ezimbini, bangabuyi bahluke babe zizikumkani ezibini.

23. Abayi kubuya bazenze iinqambi ngezigodo zabo, nangezinto zabo ezinezothe, nangezikreqo zabo zonke; ke ndobasindisa emakhayeni abo onke, ababesona kuwo, ndibahlambulule, babe ngabantu bam, ndibe nguThixo wabo.

Uhezekile 37