1. Saba phezu kwam isandla sikaYehova; waphuma nam uYehova, ndikuMoya, wandibeka entilini phakathi; yona ke izele ngamathambo.
2. Wandidlulisa kuwo, wandijikelezisa ngeenxa zonke; yabona, ebemaninzi kakhulu entilini leyo; yabona, ebeselomile kakhulu.
3. Wathi ke kum, Nyana womntu, aya kuphila na ke la mathambo? Ndathi, Nkosi Yehova, kwazi wena.