25. Ndiya kunitshiza ngamanzi amhlophe, nihlambuluke; ndinihlambùlule kubunqambi benu bonke, nakwizigodo zenu zonke.
26. Ndoninika intliziyo entsha, ndininike umoya omtsha ngaphakathi kwenu; ndiyisuse intliziyo elilitye enyameni yenu, ndininike intliziyo eyinyama.
27. Ndofaka uMoya wam ngaphakathi kwenu, ndinenze nihambe ngemimiselo yam, niwagcine amasiko am, niwenze;
28. niya kuhlala ezweni endalinika ooyihlo; nibe ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wenu.
29. Ndiya kunisindisa ebunqambini benu bonke, ndibize ingqolowa, ndiyandise, ndinganiziseli indlala.
30. Ndosandisa isiqhamo somthi nokuphuma emasimini, ukuze ningabuyi namkeliswe isingcikivo sendlala ezintlangeni.
31. Niya kuzikhumbula ke iindlela zenu ezimbi, neentlondi zenu ezingalungileyo, nizikruqukele ngokwenu, ngenxa yobugwenxa benu nangenxa yamasikizi enu.
32. Andiyi kukwenza oku ngenxa yenu, itsho iNkosi uYehova; makwazeke oko kuni. Danani, nibe nehlazo ngenxa yeendlela zenu, ndlu kaSirayeli.
33. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngemini endiya kunihlambulula ngayo ebugwenxeni benu bonke, ndiya kuyenza imizi ukuba imiwe, akhiwe amanxuwa.
34. Ilizwe ebe kusenkangala kulo liya kulinywa, endaweni yokuba bekusenkangala kulo emehlweni abo bonke abadlulayo.
35. Baya kuthi, Eli lizwe, bekusenkangala kulo, lisuke laba njengomyezo wase-Eden; nemizi ebeyibharhile, ebingamanxuwa, ebigungxulwe, imiwe, inqatyisiwe.
36. Ziya kwazi ke iintlanga eziseleyo ngeenxa zonke kuni, ukuba mna Yehova ndakha into egungxulweyo, ndiyityale indawo ebe kusenkangala kuyo. Mna Yehova ndithethile, ndiya kwenza.
37. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngale nto ndisaya kuquqelwa yindlu kaSirayeli, ukuba ndibenzele; ndiya kubandisa babe sisintu njengomhlambi;
38. njengomhlambi ongamadini angcwele, njengomhlambi waseYerusalem ngamaxesha ayo amisiweyo; ukuzala yimihlambi yabantu, iya kuba njalo imizi engamanxuwa; bazi ukuba ndinguYehova.