21. Ndaba nofefe ngenxa yegama lam elingcwele, ebeyilihlambele indlu kaSirayeli ezintlangeni ábaya kuzo.
22. Ngako oko yithi kwindlu kaSirayeli, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Andenzi ngenxa yenu, ndlu kaSirayeli; ndenza ngenxa yegama lam elingcwele, enilihlambeleyo ezintlangeni ebe niye kuzo.
23. Ndiya kulingcwalisa igama lam elikhulu, elihlanjelweyo ezintlangeni, enilihlambeleyo phakathi kwazo; ukuze zazi iintlanga ukuba ndinguYehova, itsho iNkosi uYehova, ndakùzingcwalisa ngokwam kuni emehlweni azo.
24. Ndonithabatha ke ezintlangeni, ndinibuthe emazweni onke, ndinise emhlabeni wenu.
25. Ndiya kunitshiza ngamanzi amhlophe, nihlambuluke; ndinihlambùlule kubunqambi benu bonke, nakwizigodo zenu zonke.
26. Ndoninika intliziyo entsha, ndininike umoya omtsha ngaphakathi kwenu; ndiyisuse intliziyo elilitye enyameni yenu, ndininike intliziyo eyinyama.
27. Ndofaka uMoya wam ngaphakathi kwenu, ndinenze nihambe ngemimiselo yam, niwagcine amasiko am, niwenze;
28. niya kuhlala ezweni endalinika ooyihlo; nibe ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wenu.
29. Ndiya kunisindisa ebunqambini benu bonke, ndibize ingqolowa, ndiyandise, ndinganiziseli indlala.
30. Ndosandisa isiqhamo somthi nokuphuma emasimini, ukuze ningabuyi namkeliswe isingcikivo sendlala ezintlangeni.
31. Niya kuzikhumbula ke iindlela zenu ezimbi, neentlondi zenu ezingalungileyo, nizikruqukele ngokwenu, ngenxa yobugwenxa benu nangenxa yamasikizi enu.
32. Andiyi kukwenza oku ngenxa yenu, itsho iNkosi uYehova; makwazeke oko kuni. Danani, nibe nehlazo ngenxa yeendlela zenu, ndlu kaSirayeli.