Uhezekile 36:12-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Ndohambisa abantu phezu kwenu, abantu bam amaSirayeli, bakuzuze ube lilifa labo, ungasabuyi ubahluthe abantwana.

13. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba bathi kuwe, Usisidlabantu, uluhluthe abantwana uhlanga lwakho:

14. ngako oko akuyi kubuya ube sisidlabantu, ungabuyi ulukhubekise uhlanga lwakho; itsho iNkosi uYehova.

Uhezekile 36