Uhezekile 34:20-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Ngako oko itsho iNkosi uYehova kuzo ukuthi, Yabonani, mna ndiya kugweba phakathi kweegusha ezityebileyo neegusha ezinqinileyo.

21. Ngenxa enokuba nityhala ngehleza nangegxalaba, nizihlabe ngeempondo zenu ezityhafileyo zonke, nide nizenze zibe lusali, zigqibe ilizwe:

22. ndowusindisa umhlambi wam, ungabi saba lixhoba, ndigwebe phakathi kweegusha neegusha.

23. Ndomisa phezu kwawo umalusi abe mnye, awaluse, umkhonzi wam uDavide; yena uya kuwalúsa, abe ngumalusi wawo yena;

24. mna Yehova ndibè nguThixo wawo, umkhonzi wam uDavide abe sisikhulu phakathi kwawo; mna Yehova ndithethile.

25. Ndiya kuwenzela umnqophiso woxolo, ndiwaphelise amarhamncwa amabi elizweni, uhlale entlango ukholosile, ulale emahlathini.

26. Ndowenza wona, kwaneendawo ezingeenxa zonke endulini yam, ube yintsikelelo; ndihlise imvula ngexesha elililo; iya kuba yimvula yentsikelelo.

27. Umthi wasendle wonika isiqhamo sawo, ilizwe linike indyebo yalo, banqabe emhlabeni wabo; bazi ukuba ndinguYehova, ekuzaphuleni kwam izikeyi zedyokhwe, ndibahlangule esandleni sâbo babebakhonzisa.

28. Abayi kuba saba lixhoba leentlanga, angàbadli amarhamncwa elizwe; bahlale bekholosile, kungabikho ubothusayo.

29. Ndobavelisela isityalo sokuba ludumo, bangabi sasuswa yindlala ezweni, bangabi sathwala hlazo leentlanga.

30. Baya kwazi ukuba mna Yehova Thixo wabo ndinabo, bangabantu bam bona, indlu kaSirayeli; itsho iNkosi uYehova.

31. Nina ke ningumhlambi wam, umhlambi wedlelo lam; nisisintu, ndinguThixo wenu; itsho iNkosi uYehova.

Uhezekile 34