Uhezekile 33:2-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Nyana womntu, thetha koonyana babantu bakowenu, uthi kubo, Xa ndithe ilizwe ndalizisela ikrele, abantu belizwe elo bathabatha indoda yaseziphelweni zabo, bayimisa ukuba ibe ngumboniseli wabo;

3. yábona ikrele lilifikela ilizwe elo, yavuthela isigodlo, yabavusa abantu;

4. ke umntu othe waliva izwi lesigodlo, àkavuswa, lafika ikrele elo, lamthabatha: loba sentlokweni yakhe igazi lakhe.

5. Izwi lesigodlo úlivile, akavuswa, igazi lakhe loba phezu kwakhe; evusiwe, ange ewusizile umphefumlo wakhe.

6. Umboniseli lowo, xa athe walibona ikrele lisiza, àkavuthela isigodlo, àkabavusa abantu; lafika ikrele, lathabatha kubo umphefumlo: lowo uthatyathwe ngobugwenxa bakhe, ke igazi lakhe ndolibiza esandleni somboniseli lowo.

7. Wena ke, nyana womntu, ndikwenzé waba ngumboniseli kwindlu kaSirayeli; wòliva emlonyeni wam ilizwi, ubavuselele ngokuphuma kum.

Uhezekile 33