Uhezekile 32:8-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Zonke izikhanyiso ezikhanyisayo ezulwini ndiya kuzambathisa ngezimnyama zokuzila ngenxa yakho, ndenzè ubumnyama phezu kwelizwe lakho; itsho iNkosi uYehova.

9. Ndoyenza ibe buhlungu intliziyo yeentlanga ezininzi, ekukuseni kwam ukwaphulwa kwakho ezintlangeni, emazweni ongawazanga.

10. Ndiya kuzimangalisisa ngawe izizwe ezininzi, babe namanwele nokuba namanwele ngawe ookumkani bazo, ekulilingiseni ikrele lam ebusweni babo, bagubhe ngamaphanyazo onke, elowo ngenxa yomphefumlo wakhe, ngemini yokuwa kwakho.

11. Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ikrele lokumkani waseBhabheli liya kukufikela.

12. Ndiya kuyiwisa ingxokolo yakho ngamakrele amagorha; ngabangcangcazelisi basezintlangeni bonke bephala; balibhùqe ikratshi leYiputa, itshabalale yonke ingxokolo yayo.

13. Ndiya kuzitshabalalisa zonke iinkomo zayo, zimke emanzini amakhulu, lungabi sawagxobha unyawo lomntu, namanqina eenkomo angawagxobhi.

14. Oko ndiya kuwawuthisa amanzi ayo, nemilambo yayo, ndiyihambise ngokweoli; itsho iNkosi uYehova.

15. Ndakùlenza kube senkangala ilizwe laseYiputa, lenziwe ke kube senkangala ilizwe, lingabi nayo inzaliseko yalo, ekubaxabeleni kwam bonke abemi balo: baya kwazi ukuba ndinguYehova.

16. Siso esi isimbonono; siya kuvunywa ngokwesimbonono; iintombi zeentlanga ziya kuyivuma ngokwesimbonono; ngeYiputa nangengxokolo yayo yonke, ziya kuyivuma ngokwesimbonono; itsho iNkosi uYehova.

17. Ke kaloku kwathi ngomnyaka weshumi elinesibini, ngolweshumi elinesihlanu enyangeni leyo, kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

18. Nyana womntu, yenza isimema ngengxokolo yaseYiputa, uyihlisele, yona nentombi yeentlanga eziziingangamsha, ezweni langaphandle, nabahlé baya emhadini.

Uhezekile 32