Uhezekile 32:26-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. Ukhona uMesheki-Tubhali, nengxokolo yakhe yonke, engeenxa zonke kuye amangcwaba ayo; bonke bephela bengalukile, bebulewe ngekrele; ngokuba besothuse ilizwe labahleliyo.

27. Ke abayi kulala namagorha awileyo angawabangalukileyo, abehláyo baya kwelabafileyo beneempahla zokulwa, ebekwe amakrele abo phantsi kweentloko zabo; ubugwenxa babo buwafikele amathambo abo; ngokuba baye besothusa amagorha ezweni labahleliyo.

28. Nawe ke uya kwaphulwa phakathi kwabangalukileyo, ulale nababuleweyo ngekrele.

29. Ukhona uEdom, ookumkani bakhe nezikhulu zakhe zonke, abathi benobugorha babekwa kwababuleweyo ngekrele; balala nabangalukileyo, nabehlé baya emhadini.

30. Zikhona iinkosi zasentla, zonke ziphela, namaTsidon onke, ezehlayo nababuleweyo; zidanile, noko beziqhiphukisa umbilini ngobugorha bazo; zilele zingabangàlukileyo kwanababuleweyo ngekrele, zithwele ihlazo lazo nabehlé baya emhadini.

31. UFaro uya kubabona, athuthuzeleke ngenxa yengxokolo yakhe yonke; uFaro ubulewe ngekrele nempi yakhe yonke; itsho iNkosi uYehova.

32. Ngokuba ndamnika ukuba othuse ilizwe labahleliyo; ulalisiwe ke phakathi kwabangalukileyo, kwanababuleweyo ngekrele, uFaro nengxokolo yakhe yonke; itsho iNkosi uYehova.

Uhezekile 32