12. Ndiya kuyiwisa ingxokolo yakho ngamakrele amagorha; ngabangcangcazelisi basezintlangeni bonke bephala; balibhùqe ikratshi leYiputa, itshabalale yonke ingxokolo yayo.
13. Ndiya kuzitshabalalisa zonke iinkomo zayo, zimke emanzini amakhulu, lungabi sawagxobha unyawo lomntu, namanqina eenkomo angawagxobhi.
14. Oko ndiya kuwawuthisa amanzi ayo, nemilambo yayo, ndiyihambise ngokweoli; itsho iNkosi uYehova.
15. Ndakùlenza kube senkangala ilizwe laseYiputa, lenziwe ke kube senkangala ilizwe, lingabi nayo inzaliseko yalo, ekubaxabeleni kwam bonke abemi balo: baya kwazi ukuba ndinguYehova.