Uhezekile 31:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku kwathi, ngomnyaka weshumi elinamnye, ngenyanga yesithathu, ngolokuqala enyangeni leyo, kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

2. Nyana womntu, yithi kuFaro ukumkani waseYiputa, nakwingxokolo yakhe, Ùfana nabani na ngobukhulu bakho?

3. Uyabona, uAsiriya ebengumsedare* waseLebhanon, omasebe mahle, eyintshinyela yemithi enomthunzi, ephakamile ngobude; aba phakathi kweengqimba zamafu amantloko akhe.

4. Amanzi amkhulisa, amanzi enzonzobila amphakamisa, imilambo yawo yahamba ngeenxa zonke elutyalweni lwawo, athumela imijelo yawo kuyo yonke imithi yasendle.

5. Ngako oko, ubude bakhe baphakama, baba ngaphezu kwayo yonke imithi yasendle; iimbaxa zakhe zanda, namahlamvu akhe aba made, ngenxa yamanzi amaninzi ekunabeni kwakhe.

Uhezekile 31