Uhezekile 3:17-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Nyana womntu, ndikwenzé umboniseli kwindlu kaSirayeli; live ke ilizwi emlonyeni wam, ubavuselele ngokuvela kum.

18. Xa ndithi kongendawo, Inene, ùya kufa; usuke wena ungamvuseleli, ungathethi ukuze umvuselele ongendawo, ukuze aphume endleleni yakhe engendawo, aphile; wófa ongendawo lowo ngobugwenxa bakhe, kodwa lona igazi lakhe ndolibiza esandleni sakho.

19. Wena ke, xa uthe wamvuselela ongendawo, akabuya endleleni yakhe, endleleni yakhe engendawo: wófa ngobugwenxa bakhe, kodwa wena uwuhlangule umphefumlo wakho.

20. Ke, lakubuya ebulungiseni balo ilungisa, lenze ngobugqwetha, ndibeke isikhubekiso phambi kwalo; lofa lona; xa uthe akwalivuselela, lofa ngenxa yesono salo, bungàkhunjulwa ubulungisa balo elabenzayo; kodwa lona igazi lalo ndolibiza esandleni sakho.

21. Wena ke, xa uthe walivuselela ilungisa, ukuba lingoni ilungisa, àlona ke: lophila ngokuba livuselelwe, ke wena uwuhlangule umphefumlo wakho.

22. Sabakho apho isandla sikaYehova phezu kwam, wathi kum, Suk' ume, phuma uye entilini, ndithethe nawe khona.

Uhezekile 3