Uhezekile 27:25-36 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Iinqanawa zaseTarshishe bezingabathuthi bakho nabolwananiso lwakho. Wàchuma ke, wazuka kakhulu embilinini yeelwandle.

26. Bakùsa emanzini amakhulu ababheqi bakho; umoya wasempumalanga wakwaphula embilinini yeelwandle.

27. Ubuncwane bakho neempahla zakho othengise ngazo, nezinto zakho ozananileyo, noomateloshe bakho, nabaqhubi bakho, nabalungisi beentânda zakho, nabananisi beento zakho zokwananwa, namadoda akho onke okulwa aphakathi kwakho, kunye nesikhungu sakho sonke esiphakathi kwakho, baphalala embilinini yeelwandle ngemini yokuwa kwakho.

28. Ngenxa yezwi lokukhala labaqhubi bakho, ayanyikima amadlelo.

29. Bayehla emikhombeni yabo bonke ababheqi noomateloshe, bonke abaqhubi baselwandle, béze kuma emhlabeni.

30. Baya kulivakalisa ilizwi labo phezu kwakho, bakhale kakrakra, bazigalele ngothuli ezintloko, bazigalele ngothuthu.

31. Bozicheba iintloko ngenxa yakho, babhinqe ezirhwexayo, bakulilele ngobukrakra bomphefumlo wabo, bembambazela kakrakra.

32. Bokuphakamisela isimbonono esimemeni sabo, bakwenzele isimbonono, besithi, Ngubani na onjengeTire, onjengobethwe wathi cwaka embilinini yeelwandle?

33. Ekuphumeni kweempahla zakho othengise ngazo ezilwandle, wáhluthisa izizwe ezininzi; ngobuninzi bobuncwane bakho nobolwananiso lwakho wabatyebisa ookumkani behlabathi.

34. Kungoku, waphukile nje, ùmkile ezilwandle, ezinzulwini zamanzi; luwile nawe ulwananiso lwakho, nesikhungu sakho sonke.

35. Bonke abemi beziqithi baya kumangaliswa nguwe, ookumkani bazo babe namanwele benamanwele, búthe ntshwa ubuso babo.

36. Abarhwebi abasezizweni baya kwenza umsondlo; usuke wena ube sisikhwankqiso, ungabi sabakho naphakade.

Uhezekile 27