Uhezekile 27:25-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Iinqanawa zaseTarshishe bezingabathuthi bakho nabolwananiso lwakho. Wàchuma ke, wazuka kakhulu embilinini yeelwandle.

26. Bakùsa emanzini amakhulu ababheqi bakho; umoya wasempumalanga wakwaphula embilinini yeelwandle.

27. Ubuncwane bakho neempahla zakho othengise ngazo, nezinto zakho ozananileyo, noomateloshe bakho, nabaqhubi bakho, nabalungisi beentânda zakho, nabananisi beento zakho zokwananwa, namadoda akho onke okulwa aphakathi kwakho, kunye nesikhungu sakho sonke esiphakathi kwakho, baphalala embilinini yeelwandle ngemini yokuwa kwakho.

28. Ngenxa yezwi lokukhala labaqhubi bakho, ayanyikima amadlelo.

Uhezekile 27