Uhezekile 25:10-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Ndolivulela oonyana basempumalanga, kunye neloonyana baka-Amon, ndibanike limiwe, ukuze bangabi sakhunjulwa ezintlangeni oonyana baka-Amon;

11. ndenzè izigwebo kwaMowabhi; bazi ukuba ndinguYehova.

12. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba uEdom esebenzé ngokuphindezela impindezelo kwindlu yakwaYuda, wazeka ityala elikhulu ngokuphindezela kubo:

13. ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndiya kusolula isandla sam naphezu kwelakwaEdom, ndinqumle kulo umntu nenkomo; ndilibharhise, kuthabathele kwaTeman; bawe likrele, kuse nakwaDedan.

14. Ndiya kuphindezela kwaEdom ngesandla sabantu bam amaSirayeli, benzè kwaEdom ngokomsindo wam nangokobushushu bam; bakwazi ke ukuphindezela kwam; itsho iNkosi uYehova.

15. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa yokwenza kwamaFilisti ngempindezelo, ephindezela ngempindezelo, ecekisa emphefumlweni, esonakalisa, enobutshaba obungunaphakade:

16. ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndiya kusolula isandla sam phezu kwamaFilisti, ndiwanqumle amaKreti, ndiwatshabalalise amasalela aselunxwemeni lolwandle.

17. Ndiya kwenza kuwo iimpindezelo ezinkulu, ezishushu; bazi ukuba ndinguYehova, ekwenzeni kwam impindezelo kuwo.

Uhezekile 25