25. Wena ke, nyana womntu, inyaniso, mini ndithabatha kubo inqaba yabo, imihlali yesihombo sabo, intánda yamehlo abo, into abaphakamisela kuyo umphefumlo wabo, oonyana babo neentombi zabo:
26. ngayo loo mini kuya kufika osindileyo kuwe, avakalise oko ezindlebeni zakho.
27. Ngayo loo mini ùya kuvuleka umlomo wakho, kunye nosindileyo lowo; uthethe, ungabi saba sisidenge; ube sisimanga kubo; bazi ukuba ndinguYehova.