Uhezekile 24:12-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Izidinisile ngemigushanxa; awuphumi kuyo umhlwa wayo omninzi; mawube semlilweni umhlwa wayo.

13. Ebunqambini bakho ngamanyala; ngenxa enokuba ndikuhlambulule, akwahlambuluka, akusayi kuhlambuluka ebunqambini bakho, ndide ndibupholisele kuwe ubushushu bam.

14. Mna Yehova ndithethile; iyéza le nto, ndiya kuyenza; andiyi kuyeka, andiyi kuba nanceba, andiyi kuzohlwaya. Baya kukugweba ngokweendlela zakho nangokweentlondi zakho; itsho iNkosi uYehova.

15. Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

16. Nyana womntu, yabona, ndithabatha kuwe intánda yamehlo akho ngesibetho; uze ungambambazeli, ungalili; makungaphumi zinyembezi kuwe.

17. Gcuma uthe cwaka; uze ungenzi sijwili ngabafileyo. Jikela unkontsho lwakho, unxibe iimbadada zakho ezinyaweni zakho, ungazigqubutheli iindevu zakho eziphezu komlomo, ungasidli isonka sabantu.

18. Ndathetha ke nabantu kusasa; ngokuhlwa wafa umkam; ndenza ke ngengomso njengoko wayendiwisele umthetho ngako.

19. Bathi abantu kum, Akusixeleli na, ukuba ezi zinto zithini na kuthi, ukuba wenjenje?

20. Ndathi kubo, Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

21. Yithi kwindlu kaSirayeli, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, ndiya kuyingcolisa ingcwele yam, iqhayiya lamandla enu, intánda yamehlo enu, isizondelelo somphefumlo wenu, bawe likrele oonyana benu neentombi zenu enibashiyileyo.

22. Niya kwenza ke njengoko ndenzé ngako: iindevu eziphezu komlomo aniyi kuzigqubuthela, ningasidli isonka sabantu;

23. iinkontsho zenu ziya kuba sentloko kuni, neembadada zenu zibe sezinyaweni zenu; aniyi kumbambazela, nilile; ke niya kungcungcutheka ebugwenxeni benu, nigcume, omnye ekhangele komnye.

24. UHezekile woba sisimanga kuni; niya kwenza njengako konke akwenzileyo; ekuzeni kwako oko, niya kwazi ukuba ndiyiNkosi uYehova.

Uhezekile 24