Uhezekile 23:6-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. abavethe iingubo ezimsi, amabamba neerhuluneli, amadodana aluluhle onke ephela, abamahashe bekhwele emahasheni.

7. Wakubhekisela kubo ukuhenyuza kwakhe, koonyana baseAsiriya abaluluhle bonke bephela; wathi abo bonke abetshiseka kukubakhanuka, wazenza inqambi ngezigodo zabo.

8. Àkakuyeka nokuhenyuza kwakhe kwaseYiputa; ngokuba ebuncinaneni bakhe babelala naye, baziphathe iingono zamabele zobuntombi bakhe bona; bathululele ubufebe babo phezu kwakhe.

9. Ngako oko ndamnikela esandleni sezithandane zakhe, esandleni soonyana baseAsiriya, abo abetshiseka kukubakhanuka.

10. Bona babutyhila ubuzé bakhe, bathabatha oonyana bakhe neentombi zakhe, bambulala ngekrele; waba ngundaba-mlonyeni kubafazi, bamgweba.

11. Wakúbona oko umsakwabo, uNtente-yam-kuye, waba mandundu kunaye ukutshiseka kwakhe kukukhanuka, kwaba mandundu ukuhenyuza kwakhe kunokuhenyuza kodade wabo.

12. Watshiseka kukubakhanuka oonyana baseAsiriya, amabamba, neerhuluneli, umelwane lwakhe, abavethe ezimbejembeje; abamahashe bekhwele emahasheni, amadodana aluluhle onke ephela.

13. Ndabona ukuba uzenzé inqambi, bandlela-nye bobabini.

14. Wóngeza ekuhenyuzeni kwakhe; wabona amadoda ezotywe eludongeni, imifanekiso yamaKaledi ezotywe ngeqabo elibomvu,

15. enxibe iinqwemesha ezinqeni, eneenkontsho ezimfakamfele ezintloko, ebonakala engabaphathi-mikhosi onke ephela, efana noonyana baseBhabheli, belamaKaledi, izwe lokuzalwa kwabo.

16. Watshiseka kukuwakhanuka, amehlo akhe akuwabona; wathuma abathunywa kwelamaKaledi.

17. Beza ke kuye oonyana baseBhabheli esililini sokuncokolisa, bamenza inqambi ngobufebe babo; wazenza inqambi ngabo; wancothuka kubo umphefumlo wakhe.

18. Wakutyhila ukuhenyuza kwakhe, wabutyhila ubuzé bakhe, wancothuka ke umphefumlo wam kuye, njengoko umphefumlo wam wancothukayo kumsakwabo.

19. Wongeza ke ukuhenyuza kwakhe, ngokukhumbula imihla yobuncinane bakhe, awahenyuza ngayo ezweni leYiputa.

20. Wátshiseka kukuwakhanuka amakrexe akhe, anyama ziziinyama zamaesile, amakhanuko awo angamakhanuko amahashe.

Uhezekile 23