Uhezekile 23:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

2. Nyana womntu, kwakukho abafazi ababini, iintombi zamfazi mnye.

3. Bahenyuza eYiputa, bahenyuza besebancinane; acofelwa khona amabele abo; zaphathwa khona iingono zamabele zobuntombi babo.

4. Amagama abo ke nguNtente-yakhe omkhulu kubo, noNtente-yam-kuye umsakwabo; baba ngabam, bazala oonyana neentombi. Amagama abo nguSamari uNtente-yakhe, yiYerusalem uNtente-yam-kuye.

5. UNtente-yakhe wahenyuza engumkam, watshiswa kukukhanuka izithandane zakhe, ama-Asiriya, umelwane lwakhe:

6. abavethe iingubo ezimsi, amabamba neerhuluneli, amadodana aluluhle onke ephela, abamahashe bekhwele emahasheni.

7. Wakubhekisela kubo ukuhenyuza kwakhe, koonyana baseAsiriya abaluluhle bonke bephela; wathi abo bonke abetshiseka kukubakhanuka, wazenza inqambi ngezigodo zabo.

8. Àkakuyeka nokuhenyuza kwakhe kwaseYiputa; ngokuba ebuncinaneni bakhe babelala naye, baziphathe iingono zamabele zobuntombi bakhe bona; bathululele ubufebe babo phezu kwakhe.

Uhezekile 23