8. Basuka baba neenkani kum, àbavuma ukundiphulaphula, àbazilahla elowo izinto ezinezothe zamehlo akhe, àbazishiya izigodo zaseYiputa. Ndathi ke, ndiya kuthulula ubushushu bam phezu kwabo, ndiwuphelelisele kubo umsindo wam phakathi kwelizwe laseYiputa.
9. Koko ndenzáyo ngenxa yegama lam; ukuze lingàhlanjelwa emehlweni eentlanga, ababephakathi kwazo, endazazísa kubo emehlweni azo, ekubakhupheni kwam ezweni laseYiputa.
10. Ndabakhupha ke ezweni laseYiputa, ndabása entlango;
11. ndabanika imimiselo yam, ndabazísa namasiko am, awothi umntu ewenzile, aphile ngawo.
12. Kananjalo ndabanika iisabatha zam, ukuba zibe ngumqondiso phakathi kwam nabo, ukuze bazi ukuba mna Yehova ndiya bangcwalisa.
13. Indlu kaSirayeli yesuka yaba neenkani kum entlango; àbahamba ngemimiselo yam; bawacekisa amasiko am, awothi umntu ewenzile, aphile ngawo; bazihlambela kakhulu iisabatha zam. Ndathi ke, ndiya kuthulula ubushushu bam phezu kwabo entlango, ukuze ndibagqibele.
14. Koko ndenzáyo ngenxa yegama lam; ukuze lingahlanjelwa emehlweni eentlanga, endabakhuphayo emehlweni azo.
15. Kananjalo mna ndabaphakamisela isandla entlango, ukuba ndingàbasi ezweni endandibanikile, elibaleka amasi nobusi, liligugu kunamazwe onke;
16. ngenxa yokuba bawacekisáyo amasiko am, àbahamba ngemimiselo yam, bazihlambela iisabatha zam; ngokuba intliziyo yabo yazilandela izigodo zabo.
17. Koko laba nenceba iliso lam kubo, ukuba ndingabatshabalalisi, ndingabagqibeli entlango.
18. Ndathi ke koonyana babo entlango, Musani ukuhamba ngemimiselo yooyihlo, ningawagcini amasiko abo, ningazenzi iinqambi ngezigodo zabo.
19. Mna Yehova ndinguThixo wenu; hambani ngemimiselo yam, niwagcine amasiko am, niwenze;
20. nizingcwalise iisabatha zam, zibe ngumqondiso phakathi kwam nani, ukuze názi ukuba ndinguYehova uThixo wenu.