Uhezekile 2:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wathi kum, Nyana womntu, yima ngeenyawo zakho, ndithethe nawe.

2. Kwangena ke uMoya kum, xa abethetha nam, wandimisa ngeenyawo zam, ndamva othetha kum.

3. Wathi kum, Nyana womntu, ndikuthuma koonyana bakaSirayeli, kwiintlanga ezingabagwiliki, abagwilikileyo kum; bona nooyise babo bakreqile kum, kwada kwayile mini.

4. Oonyana baziingwanyalala ubuso, balukhuni intliziyo. Ndikuthuma kubo; uze uthi kubo, Itsho iNkosi uYehova.

Uhezekile 2